21 Wathi ukumkani waseSodom, kuAbram, Ndínike abantu, uthabathe impahla.
22 Wathi uAbram kukumkani waseSodom, Isandla sam ndisiphakamisele kuYehova uThixo Osenyangweni,
23 uMninimazulu nehlabathi, ukuba andiyi kuthabatha nosinga, nokuba ngumtya wembadada, ukuba andiyi kuthabatha kuko konke okwakho; ukuze ungàtsho ukuthi, Mna ndimtyebisile uAbram.
24 Makungabikho nto iyeyam, kuphela ibe yile nto idliweyo ngabafana, nesabelo samadoda abehamba nam, uAnere, noEshkoli, noMamre; wona makasithabathe isabelo sawo.