1 Kwathi, uAbram akuba minyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, uYehova wabonakala kuAbram, wathi kuye, NdinguThixo uSomandla; hamba phambi kwam ube ngogqibeleleyo.
2 Ndiya kuwubeka umnqophiso wam phakathi kwam nawe, ndikwandise kakhulu kunene.
3 Wawa uAbram ngobuso bakhe.
4 UThixo wathetha naye, esithi, Mna, yabona, umnqophiso wam unawe; ùya kuba nguyise wengxokolo yeentlanga.