24 UAbraham ebeminyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, ukwalùswa kwenyama yokwalùswa.
25 UIshmayeli, unyana wakhe, ebeminyaka ilishumi elinamithathu ezelwe, ukwalùswa kwenyama yokwalùswa.
26 Kwangaloo mini walùswa uAbraham, noIshmayeli unyana wakhe.
27 Nawo onke amadoda endlu yakhe, azalelwe endlwini yakhe, nazuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, alùswa kunye naye.