16 Wazilazila; amadoda abamba isandla sakhe, nesandla somkakhe, nesandla seentombi zakhe zombini; uYehova emvela, amkhupha, amyeka ngaphandle komzi.
17 Akuba emkhuphele phandle, athi, Zisindise ngenxa yomphefumlo wakho. Musa ukubheka emva kwakho, musa ukuma kuwo wonke lo mmandla; zisindise ngokuya entabeni, hleze ubhebhethwe.
18 Wathi kuwo uLote, Hayi, Nkosi yam.
19 Khawubone, umkhonzi wakho umbabale. Ùyikhulisile inceba yakho ondenzeleyo, ukuba uwusindise umphefumlo wam; mna ke andinako ukuzisindisa ngokuya entabeni, hleze ndinanyathelwe bububi, ndife.
20 Khawubone, lo mzi ukufuphi, ukuba kubalekelwe kuwo, mncinane; ndanga ndingazisindisa ngokuya kuwo (awumncinane na?), usinde umphefumlo wam.
21 Wathi kuye, Yabona, ndikunonelele nangale nto, ukuba ndingawubhukuqi lo mzi uthethe ngawo.
22 Khawuleza, zisindise ngokuya khona, kuba andinakwenza nto ude ufike khona. Ngenxa yoko igama laloo mzi kwathiwa yiTsohare.*