22 Khawuleza, zisindise ngokuya khona, kuba andinakwenza nto ude ufike khona. Ngenxa yoko igama laloo mzi kwathiwa yiTsohare.*
23 Ilanga lalise liphumile phezu kwehlabathi, ukufika kukaLote eTsohare.
24 Wanisa ke uYehova phezu kweSodom neGomora isulfure nomlilo ophuma kuYehova emazulwini;
25 wayibhukuqa loo mizi, nawo wonke loo mmandla, nabo bonke abemi baloo mizi, nesihlumo somhlaba.
26 Kodwa umkakhe, esemva kwakhe, wakhangela ngasemva, waba yintsika yetyuwa.
27 UAbraham wavuka kusasa, waya kuloo ndawo wayemi kuyo ebusweni bukaYehova.
28 Wondela eSodom neGomora, nakulo lonke ilizwe laloo mmandla. Wakhangela; nango unyuka umsi welo zwe, njengomsi weziko lemfutho.