16 UYehova uThixo wamwisela umthetho umntu, esithi, Yonke imithi yomyezo ungáyidla uyidle;
17 ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, ùya kufa.
18 Wathi uYehova uThixo, Akulungile ukuba umntu abe yedwa; ndiya kumenzela umncedi onguwabo.
19 UYehova uThixo wabumba ngomhlaba zonke izinto eziphilileyo zasendle, nazo zonke iintaka zezulu, wazisa kuye uAdam* ukubona ukuba wothini na ukuzibiza, ukuze oko azibize ngako uAdam zonke izinto eziphilileyo, ibe ligama lazo elo.
20 Wazithiya amagama uAdam zonke izinto ezizitho ziné, neentaka zasezulwini, nazo zonke izinto eziphilileyo zasendle; ke uAdam akafunyanelwanga mncedi unguwabo.
21 UYehova uThixo wawisa ubuthongo obukhulu phezu koAdam, walala. Wathabatha lwalunye ezimbanjeni zakhe, wavingca ngenyama esikhundleni salo.
22 UYehova uThixo walwakha ubambo abeluthabathe kuAdam, lwaba ngumfazi; wamzisa kuAdam.