1 Ke kaloku uYehova wamvelela uSara njengoko ebetshilo; uYehova wamenzela uSara njengoko abekuthethile.
2 Wamitha ke uSara, wamzalela uAbraham unyana ekwaluphaleni kwakhe, ngexesha elimisiweyo abelithethile uThixo kuye.
3 UAbraham wamthiya loo nyana wakhe abemzalelwe, awamzalayo uSara, igama elinguIsake.*
4 UAbraham wamalùsa uIsake unyana wakhe, akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, njengoko uThixo abemwisele umthetho.
5 UAbraham ube eminyaka ilikhulu, ukuzalelwa kwakhe uIsake unyana wakhe.
6 Wathi uSara, Úndihlekisile uThixo; bonke abakuvayo oku baya kuhleka nam.