22 Kwathi ngelo xesha, wathetha uAbhimeleki, noFikolo umthetheli womkhosi wakhe, kuAbraham, esithi, UThixo unawe entweni yonke osukuba uyenza.
23 Ngoko ndífungele uThixo apha, ukuba akuyi kundixokisa mna, noonyana bam, nenzalo yam; wòthi ngokwenceba endiyenzileyo kuwe, wenze kum, nakwilizwe ophambukele kulo.
24 Wathi uAbraham, Mna ndofunga.
25 UAbraham wamohlwaya uAbhimeleki ngenxa yequla lamanzi elalihluthwe ngabakhonzi baka-Abhimeleki.
26 Wathi uAbhimeleki, Bendingazi ukuba yenziwe ngubani na le nto; nawe ube ungandixelelanga; nam bendingayivanga, ndiyiva namhla.
27 UAbraham wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, wanika uAbhimeleki, benza umnqophiso bobabini.
28 UAbraham wamisa amathokazi ezimvu asixhenxe omhlambi, aba wodwa.