4 UAbraham wamalùsa uIsake unyana wakhe, akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, njengoko uThixo abemwisele umthetho.
5 UAbraham ube eminyaka ilikhulu, ukuzalelwa kwakhe uIsake unyana wakhe.
6 Wathi uSara, Úndihlekisile uThixo; bonke abakuvayo oku baya kuhleka nam.
7 Wathi, Nugbani na obengátshoyo kuAbraham ukuthi, uSara wanyisa abantwana? Ngokuba ndimzalele unyana ekwaluphaleni kwakhe.
8 Wakhula umntwana, walunyulwa; uAbraham wenza isidlo esikhulu mhlana walunyulwayo uIsake.
9 USara wambona unyana kaHagare umYiputazana, awamzalela uAbraham, ehlekisa.
10 Wathi kuAbraham, Mgxothe umkhonzazana nonyana wakhe; kuba unyana waló mkhonzazana akayi kulidla ilifa ndawonye nonyana wam uIsake.