15 Nkosi yam, ndíve! Umhlaba ngoweeshekele zesilivere* ezimakhulu mané. Yintoni na loo nto phakathi kwam nawe? Ngcwaba ke umfikazi lowo.
16 UAbraham wamphulaphula uEfron; uAbraham wamlinganisela uEfron isilivere leyo, abethethe ngayo ezindlebeni zoonyana bakaHeti, amakhulu omané eeshekele zesilivere evunywayo ngumrhwebi.
17 Yaqiniseka ke intsimi kaEfron eseMakapela ephambi kowakwaMamre, intsimi leyo nomqolomba okuyo, nemithi yonke esentsimini, ekuyo yonke imilima-ndlela ngeenxa zonke.
18 Yaba yinzuzo kuAbraham emehlweni oonyana bakaHeti, kubo bonke abangénayo ngesango lomzi wakhe.
19 Emveni koko uAbraham wamngcwaba uSara umkakhe emqolombeni wentsimi yaseMakapela phambi kowakwaMamre, kowaseHebron leyo, ezweni lakwaKanan.
20 Yaqiniseka ke intsimi leyo nomqolomba okuyo kuAbraham, ukuze abe nendawo yakhe yokungcwaba, ngoonyana bakaHeti.