8 Wathetha nabo esithi, Ukuba kusemphefumlweni wenu, ukuba ndimngcwabe umfikazi, angabikho phambi kwam, ndiveni, nindibongozele kuEfron, unyana ka Tsohare,
9 ukuba andinike umqolomba waseMakapela, lowo anawo, osekupheleni kwentsimi yakhe, andinike wona ngemali ezalisekileyo; ube yindawo yam yokungcwaba phakathi kwenu.
10 UEfron wayehleli phakathi koonyana bakaHeti; uEfron umHeti wamphendula uAbraham ezindlebeni zoonyana bakaHeti, zabo bonke abangénayo ngesango lomzi wakhe, esithi, Hayi, nkosi yam, ndíve!
11 Intsimi leyo ndiyakunika, nomqolomba okuyo ndiyakunika; emehlweni oonyana babantu bakowethu ndiyakunika; ngcwaba umfikizi lowo.
12 Waqubuda uAbraham phambi kwabantu belizwe elo.
13 Wathetha kuEfron ezindlebeni zabantu belizwe elo, wathi, Wanga ungándiva; ndikunika imali ngentsimi; yithabathe kum, ndingcwabe umfikazi khona.
14 UEfron wamphendula uAbraham, wathi kuye,