15 uHadade, noTema, noYeture, noNafishi, noKedema.
16 Ngabo abo oonyana bakaIshmayeli, ngawo lawo amagama abo ngemizi yabo, nangeengqili zabo, izikhulu ezilishumi elinazibini ngokwezizwe zazo.
17 Yiyo le iminyaka yokudla ubomi kukaIshmayeli: iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, aneminyaka esixhenxe. Waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo.
18 Bema bethabathela eHavila besa eShure, phambi kweYiputa, ukusinga kwelakwa-Asiriya. Wazihlalisa ebusweni babo bonke abazalwana bakhe.
19 Yiyo le ke inzala kaIsake, unyana ka-Abraham. UAbraham wazala uIsake.
20 UIsake waye eminyaka ingamashumi omané ezelwe, ukuzeka kwakhe uRebheka, intombi kaBhetuweli, umAram* wasePadan-aram, udade boLabhan umAram, ukuba abe ngumkakhe.
21 Wathandaza uIsake kuYehova mayela nomkakhe, ngokuba ebengazali. Wathandazeka uYehova, wamitha uRebheka umkakhe.