17 Yiyo le iminyaka yokudla ubomi kukaIshmayeli: iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, aneminyaka esixhenxe. Waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo.
18 Bema bethabathela eHavila besa eShure, phambi kweYiputa, ukusinga kwelakwa-Asiriya. Wazihlalisa ebusweni babo bonke abazalwana bakhe.
19 Yiyo le ke inzala kaIsake, unyana ka-Abraham. UAbraham wazala uIsake.
20 UIsake waye eminyaka ingamashumi omané ezelwe, ukuzeka kwakhe uRebheka, intombi kaBhetuweli, umAram* wasePadan-aram, udade boLabhan umAram, ukuba abe ngumkakhe.
21 Wathandaza uIsake kuYehova mayela nomkakhe, ngokuba ebengazali. Wathandazeka uYehova, wamitha uRebheka umkakhe.
22 Batyhalana abantwana embilinini wakhe, wathi, Ukuba kunjalo, yini na ukuba ndibe nje? Waya kubuza kuYehova.
23 Wathi uYehova kuye,Zimbini iintlanga esizalweni sakho;Kuya kwahluka zizwe zibini esiswini sakho,Esinye somelele ngaphezu kwesinye;Omkhulu uya kukhonza omnci.