21 Wathandaza uIsake kuYehova mayela nomkakhe, ngokuba ebengazali. Wathandazeka uYehova, wamitha uRebheka umkakhe.
22 Batyhalana abantwana embilinini wakhe, wathi, Ukuba kunjalo, yini na ukuba ndibe nje? Waya kubuza kuYehova.
23 Wathi uYehova kuye,Zimbini iintlanga esizalweni sakho;Kuya kwahluka zizwe zibini esiswini sakho,Esinye somelele ngaphezu kwesinye;Omkhulu uya kukhonza omnci.
24 Yazaliseka ke imihla yakhe yokuzala, nanko, ingamawele esizalweni sakhe.
25 Laphuma elokuqala lingqombela, lonke liphela njengengubo exhonti; balithiya igama elinguEsawu.*
26 Emveni koko kwaphuma umninawa walo, isandla sakhe sibambe isithende sikaEsawu, wamthiya igama elinguYakobi.* UIsake wayeminyaka imashumi mathandathu ezelwe, ukuzalwa kwabo.
27 Akhula ke amakhwenkwe; uEsawu waba lizingela, indoda yasendle; uYakobi waba yindoda egqibeleleyo, ihleli ezintenteni.