26 Emveni koko kwaphuma umninawa walo, isandla sakhe sibambe isithende sikaEsawu, wamthiya igama elinguYakobi.* UIsake wayeminyaka imashumi mathandathu ezelwe, ukuzalwa kwabo.
27 Akhula ke amakhwenkwe; uEsawu waba lizingela, indoda yasendle; uYakobi waba yindoda egqibeleleyo, ihleli ezintenteni.
28 UIsake wathanda uEsawu, ngokuba inyamakazi ibimnandi emlonyeni wakhe; ke yena uRebheka wathanda uYakobi.
29 UYakobi wayepheke ukudla; wafika uEsawu evela ezindle, etyhafile.
30 Wathi uEsawu kuYakobi, Khawundiphe ndiginye kwinto engqombela, loo nto ingqombela, kuba ndityhafile; ngenxa yoko kwathiwa igama lakhe nguEdom.*
31 Wathi uYakobi, Thengisa namhlanje ngobuzibulo bakho kum.
32 Wathi uEsawu, Yabona, ndiza kufa; buyintoni na kum ubuzibulo?