28 UIsake wathanda uEsawu, ngokuba inyamakazi ibimnandi emlonyeni wakhe; ke yena uRebheka wathanda uYakobi.
29 UYakobi wayepheke ukudla; wafika uEsawu evela ezindle, etyhafile.
30 Wathi uEsawu kuYakobi, Khawundiphe ndiginye kwinto engqombela, loo nto ingqombela, kuba ndityhafile; ngenxa yoko kwathiwa igama lakhe nguEdom.*
31 Wathi uYakobi, Thengisa namhlanje ngobuzibulo bakho kum.
32 Wathi uEsawu, Yabona, ndiza kufa; buyintoni na kum ubuzibulo?
33 Wathi uYakobi, Ndífungele namhlanje. Wamfungela; wathengisa ke ngobuzibulo bakhe kuYakobi.
34 UYakobi wamnika uEsawu isonka neentlumayo eziphekiweyo; wadla, wasela, wesuka wemka; wabudela ke uEsawu ubuzibulo bakhe.