17 UIsake wemka ke apho, wamisa iintente esihlanjeni saseGerare, wahlala khona.
18 Wabuya uIsake wawamba amaqula amanzi, ababewambile ngemihla ka-Abraham uyise, abevingciwe ngamaFilisti emveni kokufa kuka-Abraham; wawabiza ngamagama abewabize ngawo uyise.
19 Bemba abakhonzi bakaIsake esihlanjeni eso, bafumana khona iqula lamanzi aphilileyo.
20 Abalusi baseGerare babambana nabalusi bakaIsake, besithi, Ngawethu la manzi; wathi igama lequla elo yiEseke,* kuba babezamana naye.
21 Bemba elinye iqula, babambana nangalo, wathi igama lalo yiSitena.*
22 Wesuka khona wemba elinye iqula; àbabambananga ngalo, wathi igama lalo yiRehobhoti.* Wathi, Inene, ngoku uYehova usenzele indawo ebanzi, ukuze siqhame ezweni apha.
23 Wenyuka wemka khona, waya eBhershebha.