21 Bemba elinye iqula, babambana nangalo, wathi igama lalo yiSitena.*
22 Wesuka khona wemba elinye iqula; àbabambananga ngalo, wathi igama lalo yiRehobhoti.* Wathi, Inene, ngoku uYehova usenzele indawo ebanzi, ukuze siqhame ezweni apha.
23 Wenyuka wemka khona, waya eBhershebha.
24 UYehova wabonakala kuye ngobo busuku, wathi, NdinguThixo ka-Abraham uyihlo. Musa ukoyika, kuba ndinawe; ndiya kukusikelela, ndiyandise imbewu yakho, ngenxa ka-Abraham, umkhonzi wam.
25 Wákha khona isibingelelo, wanqula igama likaYehova, wayimisa khona intente yakhe; abakhonzi bakaIsake bemba khona iqula.
26 Ke kaloku uAbhimeleki weza kuye ephuma eGerare, noAhuzati, isihlobo sakhe, noFikolo, umthetheli womkhosi wakhe.
27 Wathi uIsake kubo, Nizeleni na kum, nandithiyayo nje, nandindulula kuni?