27 Wathi uIsake kubo, Nizeleni na kum, nandithiyayo nje, nandindulula kuni?
28 Bathi, Siboné kakuhle ukuba uYehova unawe; sathi, makubekho isifungo phakathi kwethu nawe, senze umnqophiso nawe,
29 wokuba ungasenzeli bubi, njengokuba singakusunduzanga, njengokuba sikwenzele okulungileyo kodwa, sakundulula unoxolo; ngoku ùsikelelwe nguYehova.
30 Wabenzela isidlo, badla, basela.
31 Bavuka kusasa, bafungelana; uIsake wabandulula, bemka kuye benoxolo.
32 Kwathi ngaloo mini, bafika abakhonzi bakaIsake, bamxelela indawo yequla ababelimbile, bathi kuye, Siwafumene amanzi.
33 Wathi liyiShibha;* ngenxa yoko igama laloo mzi liyiBher-shebha unanamhla.