5 Ke kaloku uRebheka wayesiva ukuba uIsake uthetha kuEsawu unyana wakhe.UEsawu waya kuzingela inyamakazi ezindle, ukuba ayizise.
6 URebheka wathetha kuYakobi, unyana wakhe, wathi, Yabona, ndive uyihlo ethetha kuEsawu umkhuluwa wakho,
7 esithi, Ndizisele inyamakazi, undenzele ukudla okunencasa, ndidle, ndikusikelele phambi koYehova ndingekafi.
8 Ngoko ke, nyana wam, liphulaphule izwi lam ngento endikuwisela umthetho ngayo.
9 Khawuhambe uye emhlambini, undithabathele khona amatakane amabini ebhokhwe alungileyo, ndenzele uyihlo ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo;
10 ukusé kuyihlo, adle, ukuze akusikelele engekafi.
11 Wathi uYakobi kuRebheka unina, Yabona, uEsawu umkhuluwa wam yindoda exhonti, mna ndiyindoda egudileyo.