19 Wathi igama laloo ndawo yiBheteli,* nangona beliyiLuzi, igama laloo mzi ekuqaleni.
20 Wabhambathisa ngesibhambathiso uYakobi, esithi, Ukuba uThixo uthe waba nam, wandigcina kuyo le ndlela ndiyihambayo, wandinika isonka ndadla,
21 neengubo ndambatha, ndabuyela endlwini kabawo ndinoxolo:
22 uYehova woba nguThixo wam, neli litye ndilimisileyo lasisimiso loba yindlu kaThixo; neento zonke othe wandinika, ndokunika isishumi sazo.