21 UYehova uThixo wabenzela iingubo zezìntsu uAdam nomkakhe, wabambathisa.
22 Wathi uYehova uThixo, Yabonani, umntu usuke waba njengomnye wethu, ukwazi okulungileyo nokubi; hleze ke olule isandla sakhe, athabathe nakuwo umthi wobomi, adle, aphile ngonaphakade:
23 uYehova uThixo wamndulula emyezweni we-Eden, ukuba asebenze umhlaba abethatyathwe kuwo.
24 Wamgxotha ke umntu; wamisa ngasempumalanga kuwo umyezo we-Eden iikerubhi,* nelangatye lekrele elijikajikayo lokugcina indlela eya emthini wobomi.