22 Ke kaloku uThixo wamkhumbula uRakeli, uThixo wamphulaphula, wasivula isizalo sakhe.
23 Wamitha, wazala unyana, wathi, UThixo ukususile ukungcikivwa kwam.
24 Wamthiya igama elinguYosefu,* wathi, UYehova makongezelele omnye unyana.
25 Kwathi, xa uRakeli ebemzele uYosefu, wathi uYakobi kuLabhan, Ndíndulule ndiye endaweni yakowethu, ezweni lakowethu.
26 Ndínike abafazi bam nabantwana bam, endikukhonze ngenxa yabo, ndihambe; kuba wena uyayazi inkonzo yam endikukhonze ngayo.
27 Wathi uLabhan kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, hlala; ndihlabé ukuthi uYehova undisikelele ngenxa yakho.
28 Wathi, Ndímisele kakuhle umvuzo wakho ondifaneleyo, ndikunike.