26 Ndínike abafazi bam nabantwana bam, endikukhonze ngenxa yabo, ndihambe; kuba wena uyayazi inkonzo yam endikukhonze ngayo.
27 Wathi uLabhan kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, hlala; ndihlabé ukuthi uYehova undisikelele ngenxa yakho.
28 Wathi, Ndímisele kakuhle umvuzo wakho ondifaneleyo, ndikunike.
29 Wathi kuye, Uyalwazi nawe uhlobo lokukukhonza kwam, nohlobo lokuhlala kwempahla yakho nam.
30 Kuba obunayo ndingekafiki yabe imbalwa, ngoku izazekile yaninzi; uYehova ukusikelele apho unyawo lwam luthe lwanyathela; kaloku ndiya kuyisebenzela nini na mna eyam indlu?
31 Wathi, Ndikùnike ntoni na? Wathi uYakobi, Akuyi kundinika nento le; ukuba uthe wandenzela le ndawo, ndobuya ndiyaluse impahla yakho emfutshane, ndiyigcine.
32 Ndiya kucanda phakathi kwayo yonke impahla yakho emfutshane namhlanje, ndihambe ndikhetha kuyo zonke iingusha ezinala, nezirhwexu, neegusha zonke ezimnyama phakathi kwamatakane, nazo zonke ezirhwexu nezinala phakathi kweebhokhwe, zibe ngumvuzo wam;