28 Wathi, Ndímisele kakuhle umvuzo wakho ondifaneleyo, ndikunike.
29 Wathi kuye, Uyalwazi nawe uhlobo lokukukhonza kwam, nohlobo lokuhlala kwempahla yakho nam.
30 Kuba obunayo ndingekafiki yabe imbalwa, ngoku izazekile yaninzi; uYehova ukusikelele apho unyawo lwam luthe lwanyathela; kaloku ndiya kuyisebenzela nini na mna eyam indlu?
31 Wathi, Ndikùnike ntoni na? Wathi uYakobi, Akuyi kundinika nento le; ukuba uthe wandenzela le ndawo, ndobuya ndiyaluse impahla yakho emfutshane, ndiyigcine.
32 Ndiya kucanda phakathi kwayo yonke impahla yakho emfutshane namhlanje, ndihambe ndikhetha kuyo zonke iingusha ezinala, nezirhwexu, neegusha zonke ezimnyama phakathi kwamatakane, nazo zonke ezirhwexu nezinala phakathi kweebhokhwe, zibe ngumvuzo wam;
33 bundingqìnele ke ubulungisa bam ngexesha elizayo, xa uthe weza kumvuzo wam ophambi kwakho: zonke ezingenala, nezingerhwexu phakathi kweebhokhwe, nezingemnyama phakathi kweegusha, zoba zezibiweyo ezo, xa zithe zakum.
34 Wathi uLabhan, Yabona, makube ngokwelizwi lakho elo.