51 ULabhan wathi kuYakobi, Yabona le mfumba, yabona esi simiso ndisiphakamisileyo phakathi kwam nawe; ingqina yile mfumba,
52 ingqina sesi simiso, ukuba andiyi kugqitha mna kule mfumba ndiye kuwe, ukuba akuyi kugqitha wena kule mfumba nakwesi simiso uze kum, senzane ububi.
53 UThixo ka-Abraham, uThixo kaNahore, uThixo woyise wabo, makagwebe phakathi kwethu. UYakobi wafunga Ohlonelwa nguyise uIsake.
54 UYakobi wabingelela umbingelelo entabeni apho, wabiza abazalwana bakhe, ukuba badle isonka. Badla ke isonka, balala entabeni apho.
55 Wavuka uLabhan kusasa, wabânga oonyana bakhe, neentombi zakhe, wabasikelela; wemka ke uLabhan, wabuyela ekhayeni lakhe.