2 Wathi uYakobi akuzibona, Ngumkhosi kaThixo lo; wathi igama laloo ndawo yiMahanayim.*
3 Ke kaloku uYakobi wathuma abathunywa phambi kwakhe, baya kuEsawu, umkhuluwa wakhe, ezweni lakwaSehire, emhlabeni wakwaEdom.
4 Wabawisela umthetho esithi, Nòthi ukuthetha enkosini yam uEsawu, Utsho umkhonzi wakho uYakobi ukuthi, Bendingumphambukeli kuLabhan, ndalibala khona kwada kwangoku;
5 ndineenkomo, namaesile, nempahla emfutshane, nabakhonzi, nabakhonzazana; ndithumèle ukuxelela inkosi yam, ukuze indibabale.
6 Abathunywa babuyela kuYakobi besithi, Sifikile kumkhuluwa wakho uEsawu, naye uyeza kukukhawulela, enamadoda angamakhulu omané.
7 Woyika kunene uYakobi, wabandezeleka, wabahlula abantu ababenaye, nempahla emfutshane, neenkomo, neenkamela; iimfuduka zambini.
8 Wathi, Ukuba uEsawu uthe wafika kwenye imfuduka, wayichitha, yosinda imfuduka eseleyo.