20 Kananajalo nòthi, Nanko umkhonzi wakho uYakobi engasemva kwethu. Kuba wathi, Mandibucamagushe ubuso bakhe ngomnikelo ohamba phambi kwam, emveni koko ndibùbone ubuso bakhe; mhlawumbi wondibuka.
21 Umnikelo lowo wahamba phambi kwakhe; ke yena walala ngobo busuku emfudukeni.
22 Wavuka ngobo busuku, wathabatha abafazi bakhe bobabini, nabakhonzazana bakhe bobabini, noonyana bakhe abalishumi elinamnye, waliwela izibuko leYabhoki.
23 Wabathabatha ke, wabaweza emfuleni lowo, waziweza zonke izinto abenazo.
24 UYakobi wasala yedwa; kwazamana indoda naye kwada kwathi qhiphu ukusa.
25 Yakubona ukuba ayimeyisi, yachukumisa usikrobana womlenze wakhe, wancothuka usikrobana womlenze kaYakobi ngokuzamana nayo.
26 Yathi, Ndíndulule ndihambe, kuba kuyasa. Wathi yena, Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele.