27 Yathi kuye, Ngubani na igama lakho? Wathi, NdinguYakobi.
28 Yathi, Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi; kuya kuthiwa unguSirayeli,* ngokuba ulwe noThixo nabantu, weyisa.
29 Wabuza uYakobi wathi, Ndixelele igama lakho. Yathi, Ulibuzelani na igama lam?
30 Yamsikelela khona. UYakobi wayithiya loo ndawo igama eliyiPeniyeli;* kuba wathi, Ndibonene noThixo, wahlangulwa umphefumlo wam.
31 Lathi chapha ilanga, akudlula ePeniweli, ejingxela ngomlenze wakhe.
32 Ngenxa yoko oonyana bakaSirayeli abawudli umsipha kasikrobana ophezu kosikrobana womlenze, nanamhla; ngokuba yachukumisa usikrobana womlenze kaYakobi emsipheni kasikrobana.