9 Wathi uYakobi, Thixo kabawo uAbraham, Thixo kabawo uIsaka, Yehova, ùthe kum, Buyela ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho; ndokuphatha kakuhle.
10 Andiyilingene inceba yonke, nenyaniso yonke oyenzileyo kumkhonzi wakho; kuba ndayiwela le Yordan, ndinentonga yam yodwa, kodwa ngoku ndimfuduka mbini.
11 Khawundihlangule esandleni somkhuluwa wam, esandleni sikaEsawu; ngokuba ndiyamoyika, hleze afike andibulale, unina ndawonye nabantwana.
12 Wawuthe wena, Inene, ndiya kukuphatha kakuhle, imbewu yakho ndiyenze ibe njengentlabathi yolwandle, engenakubalwa ngenxa yobuninzi.
13 Ke kaloku yena walala khona ngobo busuku. Wathabatha entweni esifike kuyo isandla sakhe, yangumnikelo kuEsawu, umkhuluwa wakhe;
14 iimazi zeebhokhwe ezimakhulu mabini, neenkunzi zeebhokhwe ezimashumi mabini, neemazi zeegusha ezimakhulu mabini, neenkunzi zeegusha ezimashumi mabini,
15 neenkamela ezisengwayo ezimashumi mathathu, ezinamathole azo, neemazi zeenkomo ezimashumi mané, neenkunzi zeenkomo ezilishumi, neemazi zamaesile ezimashumi mabini, namaxhamxwa alishumi.