17 Ukuba nithe anasiphulaphula ngokuthi naluke, soyithabatha intombi yethu, simke.
18 Alunga amazwi abo emehlweni kaHamore, nasemehlweni kaShekem, unyana kaHamore.
19 Akalibala umfana ukuyenza loo nto, kuba ubethabathekile yintombi kaYakobi; ubezukile yena ngaphezu kwayo yonke indlu kayise.
20 Weza uHamore noShekem, unyana wakhe, esangweni lomzi wabo, bathetha kumadoda omzi, bathi;
21 La madoda ayavana nathi; makahlale ezweni apha, arhwebe kulo; ilizwe eli, yabonani, libanzi ngeenxa zombini phambi kwawo; sozizeka iintombi zawo zibe ngabafazi, siwanike iintombi zethu.
22 Ke ovumelana nathi ngale ndawo yodwa amadoda lawo, ukuhlala nathi, sibe bantu banye, yakwaluka kuthi yonke into eyindoda, njengokuba alukile wona.
23 Imfuyo yawo, nengqwebo yawo, nawo onke amaqegu awo, akasayi kuba ngawethu na? Siya kuthi kodwa sivumelane nawo, ukuba ahlale nathi.