7 Bafika oonyana bakaYakobi bevela kwalusa. Bakuyiva le nto aba buhlungu amadoda lawo, avutha kunene ngumsindo, ngokuba wênza ubudenge kwaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, into leyo engeyakwenziwa.
8 Wathetha uHamore nabo, esithi, UShekem, unyana wam, umphefumlo wakhe uthene nca nentombi yakowenu; khanimnike ibe ngumkakhe;
9 nendiselane nathi, nisinike iintombi zenu, nizeke iintombi zethu;
10 nihlale nathi, ilizwe libe phambi kwenu; hlalani nirhwebe kulo, niqinìseke ukuma kulo.
11 Wathi uShekem kuyise wayo, nakubanakwayo, Mandibabalwe emehlweni enu, nento eniyithethayo kum ndoninika.
12 Yandisani kunene ikhazi phezu kwam, nesipho; ndoninika njengoko nithethayo kum; ndinikeni ke intombi leyo ibe ngumfazi.
13 Oonyana bakaYakobi babaphendula ooShekem noHamore uyise ngenkohliso, bathetha nabo, ngokuba ebemenze inqambi uDina, udade wabo.