19 Ngabo abo oonyana bakaEsawu, zizo ezo izikhulu; nguEdom ke lowo.
20 Ngabo aba oonyana bakaSehire umHori, ababemi kwelo zwe: uLotan, noShobhali, noTsibheyon, noAna,
21 noDishon, noEtsere, noDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, oonyana bakaSehire, ezweni lakwaEdom.
22 Oonyana bakaLotan babengamaHori, noHemam; udade boLotan nguTimna.
23 Ngabo aba oonyana bakaShobhali: nguAlevan, noManahati, noEbhali, noShefo, no-Onam.
24 Ngabo aba oonyana bakaTsibheyon: nguAya noAna. Ngulo Ana wayifumanayo imithombo eshushu entlango, esalusa amaesile kaTsibheyon uyise.
25 Ngabo aba oonyana baka-Ana: nguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana.