6 UEsawu wabathabatha abafazi bakhe, noonyana bakhe, neentombi zakhe, nabendlu yakhe yonke, nemfuyo yakhe, namaqegu akhe onke, nengqwebo yakhe yonke abeyiqwebile ezweni lakwaKanan, waya kwelinye ilizwe, emka ngenxa kaYakobi umninawa wakhe.
7 Kuba ingqwebo yabo ibininzi, ukuze bangabi nakuhlala ndawonye; nelizwe lokuphambukela kwabo libe lingenakubathwala, ngenxa yemfuyo yabo.
8 Wahlala uEsawu entabeni yakwaSehire. UEsawu ke lowo nguEdom.
9 Yiyo le ke inzala kaEsawu, uyise wamaEdom, entabeni yakwaSehire.
10 Ngawo la ke amagama oonyana bakaEsawu: nguElifazi, unyana ka-Ada, umkaEsawu; nguRehuweli, unyana kaBhasemati, umkaEsawu.
11 Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Omare, noTsefo, noGatam, noKenazi.
12 UTimna ebelishweshwe likaElifazi, unyana kaEsawu, wamzalela uElifazi uAmaleki;