18 Bambona ke esekude, engekasondeli kubo, benza iyelenqe lokumbulala.
19 Bathetha omnye komnye besithi, Nanko lo mphuphi esiza.
20 Yizani ke ngoko, simbulale, simphose komnye wemihadi, sithi, Udliwe lirhamncwa, size sibone ukuba amaphupha akhe oba yintoni na.
21 Weva uRubhen, wamhlangula esandleni sabo; wathi, Masingambulali afe.
22 Wathi uRhubhen kubo, Musani ukuphalaza gazi; mphoseni kulo mhadi usentlango; musani ukumsa sandla. Watsho, ukuze amhlangule esandleni sabo, ambuyisele kuyise.
23 Kwathi akufika uYosefu kubakhuluwa bakhe, bamhluba uYosefu ingubo yakhe, ingubo ende enemikhono abenayo;
24 bamthabatha, bamphosa emhadini; umhadi lowo ube uzé, kungekho manzi kuwo.