11 Kwathi kuloo mihla, wangena endlwini eya kusebenza umsebenzi wakhe; kwaye kungekho nanye yakumadoda endlu endlwini apho.
12 Wambamba ngengubo wathi, Ndilale. Wayishiya ingubo yakhe esandleni sakhe, wabaleka, waphumela phandle.
13 Kwathi, akubona ukuba uyishiyile ingubo yakhe esandleni sakhe, ubalekele phandle,
14 wabiza amadoda endlu yakhe, wathetha kuwo, esithi, Khangelani, úsizisele indoda engumHebhere, ukuba idlale ngathi; izile kum, isiza kundilala, ndakhala ngezwi elikhulu;
15 yathi, yakuva ndiphakamisa izwi, ndikhala, yayishiya ingubo yayo ecaleni lam, yabaleka, yaphumela phandle.
16 Wayibeka phantsi ingubo yayo ecaleni lakhe, yada yafika inkosi yakhe endlwini yayo.
17 Wathetha kuyo ngokwaloo mazwi esithi, Sizé kum isicaka esingumHebhere, esi usizisele sona, ukuba sidlale ngam;