3 Yabona inkosi yakhe ukuba uYehova unaye, ukuba zonke izinto abezenza, uYehova ubezenza zibe nempumelelo esandleni sakhe.
4 UYosefu wababalwa emehlweni ayo, wayilungiselela; yamenza umveleli wendlu yayo, neento zonke ebinazo yazinikela esandleni sakhe.
5 Kwathi, ukususela ekubeni yamenza umveleli wendlu yayo neento zonke ebinazo, wayisikelela uYehova indlu yomYiputa lowo ngenxa kaYosefu. Yabakho intsikelelo kaYehova ezintweni zonke ebinazo, endlwini nasezindle.
6 Zonke izinto ebinazo yaziyekela esandleni sikaYosefu, ayakhathalela nanye into ebikuye, ingesiso isonka esidlayo. Ke uYosefu ebemhle isiqu, emhle imbonakalo.
7 Kwathi emveni kwezi zinto, umfazi wenkosi yakhe waphosa amehlo akhe kuYosefu, wathi, Ndilale.
8 Wamangala, wathi kumka-nkosi yakhe, Yabona, inkosi yam ayikhathalele nto ikum isendlwini, nezinto zonke enazo izinikele esandleni sam.
9 Akukho bani mkhulu kum kule ndlu; ayinqabisanga nento le kum, nguwe wedwa, ngokokuba ungumkayo; ndingáthini na ke ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo?