19 ULameki wazeka abafazi ababini; igama lomnye belinguAda, igama lowesibini belinguZila.
20 UAda wazala uYabhali; yena waba nguyise wabahlala ezintenteni, nabafuyileyo.
21 Igama lomninawa wakhe belinguYubhali; yena waba nguyise wabo bonke abaphatha uhadi nogwali.
22 UZila uthe naye wazala uTubhalekayin, obekhanda yonke impahla enobukhali yobhedu nesinyithi; udade woTubhalekayin ebenguNahama.
23 Wathi uLameki kubafazi bakhe,Ada noZila, liveni ilizwi lam!Bafazi bakaLameki, phulaphulani intetho yam!Sendibulele indoda ngenxa yenxeba lam,Nendodana ngenxa yomvumbo wam;
24 Xa uKayin aya kuphindezelwa kasixhenxe,Yena uLameki uya kuphindezelwa kamashumi osixhenxe anesixhenxe.
25 UAdam wabuya wamazi umkakhe, wazala unyana, wathi igama lakhe nguSete,* kuba wathi, UThixo undimisele enye imbewu esikhundleni sika-Abheli owabulawa nguKayin.