11 indebe kaFaro isesandleni sam; ndizithàbathe iidiliya, ndizifaxange endebeni kaFaro, ndiyinikele indebe esandleni sikaFaro.
12 UYosefu wathi kuye, Siso esi isityhilo salo: amasebe amathathu lawo yimihla emithathu;
13 kusele imihla emithathu, aze uFaro ayiphakamise intloko yakho, akubuyisele endaweni yakho, uyinikele indebe kaFaro esandleni sakhe ngokwesiko langaphambili, oko ubungumngcamli wakhe.
14 Uze undikhumbule ke, wakulungelwa, undenzele inceba, undikhankanye kuFaro, undikhuphe kule ndlu;
15 ngokuba inene ndabiwa ezweni lamaHebhere, nalapha andenzanga nto, ukuba bandifake emhadini lo.
16 Umphathi waboji-zonka wabona ukuba isityhilo eso silungile, wathi kuYosefu, Nam ndiphuphile; ndibone iingobozi ezintathu zezonka ezimhlophe ezisentlokweni yam;
17 engobozini ephezulu kukho izidlo ngezidlo zonke zikaFaro ezingumsebenzi womoji-zonka, iintaka zisidla kweyona ngobozi iphezulu entlokweni yam.