4 Umthetheli wabasiki wamenza uYosefu umveleli wabo, wabalungiselela; baba nomzuzu beselugcinweni.
5 Baphupha iphupha bobabini; elowo waphupha iphupha lakhe ngabusuku bunye, elowo ngokokutyhilwa kwephupha lakhe, umngcamli nomoji wezonka bokumkani waseYiputa, ababekhonkxiwe entolongweni.
6 UYosefu wangena kubo kwakusa, wabakhangela, wafika bematshekile.
7 Wababuza ababusi bakwaFaro, ababenaye elugcinweni endlwini yenkosi yakhe, esithi, Kutheni na ukuba ubuso benu bube bubi namhlanje?
8 Bathi kuye, Siphuphé iphupha; akukho ulityhilayo. UYosefu wathi kubo, Izityhilo asizezikaThixo na? Khanindixelele iphupha elo.
9 Umphathi wabangcamli wamxelela uYosefu iphupha lakhe, wathi kuye, Ephupheni lam ndibone umdiliya uphambi kwam;
10 emdiliyeni apho amasebe emathathu, wangathi wona uphuma amathupha, wadubula iintyantyambo zawo, izihloko zawo zavuthwa zaziidiliya;