14 UFaro wathumela, wambiza uYosefu. Bamgidimisa ukumkhupha emhadini; wazicheba, wanxiba ngubo zimbi, weza kuFaro.
15 Wathi uFaro kuYosefu, Ndiphuphe iphupha, akukho bani unokulityhila; mna ndive kusithiwa ngawe, ùyaliva iphupha ulityhile.
16 UYosefu wamphendula uFaro, esithi, Akunam; uThixo uya kuphendula into yokumsindisa uFaro.
17 UFaro wathetha kuYosefu, wathi, Ephupheni lam, yabona, bendimi elunxwemeni lomlambo;
18 nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amathokazi asixhenxe etyebile, emahle, esidla engcotyeni;
19 nanko, kunyuka kuphuma amanye amathokazi asixhenxe emva kwawo, ebhityile, emabi kakhulu, engamarhoqorhoqo, endingazanga ndibone anjalo kulo lonke ilizwe laseYiputa, ukuba mabi kwawo;
20 amathokazi angamarhoqorhoqo, amabi, awadla awokuqala amathokazi asixhenxe atyebileyo;