25 UYosefu wathi kuFaro, Iphupha likaFaro linye; uThixo umxelele uFaro oko aya kukwenza.
26 Amathokazi asixhenxe alungileyo yiminyaka esixhenxe; izikhwebu ezisixhenxe ezilungileyo yiminyaka esixhenxe; iphupha eli linye.
27 Amathokazi asixhenxe angamarhoqorhoqo, amabi, anyukileyo aphuma emva kwalawo, yiminyaka esixhenxe; nezikhwebu ezisixhenxe ezinqinileyo, ezitshileyo lulophu lwasempumalanga, ziya kuba yiminyaka esixhenxe yendlala.
28 Lelo lizwi ndilithethileyo kuFaro lokuthi: oko aya kukwenza uThixo ukubonisile kuFaro.
29 Yabona, kuza iminyaka esixhenxe yendyebo enkulu ezweni lonke laseYiputa;
30 ze kuvele iminyaka esixhenxe yendlala emva kwaleyo, ilityalwe yonke indyebo ezweni laseYiputa, indlala iligqibe ilizwe;
31 ingàziwa indyebo elizweni, ngenxa yaloo ndlala iya kubakho emva kwayo, kuba iya kuba nzima kunene.