27 Amathokazi asixhenxe angamarhoqorhoqo, amabi, anyukileyo aphuma emva kwalawo, yiminyaka esixhenxe; nezikhwebu ezisixhenxe ezinqinileyo, ezitshileyo lulophu lwasempumalanga, ziya kuba yiminyaka esixhenxe yendlala.
28 Lelo lizwi ndilithethileyo kuFaro lokuthi: oko aya kukwenza uThixo ukubonisile kuFaro.
29 Yabona, kuza iminyaka esixhenxe yendyebo enkulu ezweni lonke laseYiputa;
30 ze kuvele iminyaka esixhenxe yendlala emva kwaleyo, ilityalwe yonke indyebo ezweni laseYiputa, indlala iligqibe ilizwe;
31 ingàziwa indyebo elizweni, ngenxa yaloo ndlala iya kubakho emva kwayo, kuba iya kuba nzima kunene.
32 Ukuphindwa kabini kwephupha elo kuFaro kukuqiniswa kwayo le ndawo nguThixo; úya kukhawuleza uThixo ukuyenza.
33 Ngoko uFaro makakhangele indoda eyingqondi, esisilumko, ayimise phezu kwelizwe laseYiputa.