47 Umhlaba wavelisa ngendiphane ngeminyaka esixhenxe yendyebo.
48 Wakubutha konke ukudla kweminyaka esixhenxe ebikho ezweni laseYiputa, wakubeka ukudla kuyo imizi; ukudla kwamasimi abewungqongile umzi, wakubeka phakathi kwawo.
49 UYosefu wayifumba ingqolowa yanjengentlabathi yolwandle, yaninzi kunene, wada wayeka ukubala, kuba ibingenakubalwa.
50 UYosefu wazala oonyana bababini, wabazalelwa nguAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn, ingekafiki iminyaka yendlala.
51 UYosefu wamthiya owamazibulo igama elinguManase;* ngokuba wathi, UThixo undenzé ndakulibala konke ukwaphuka kwam, nayo yonke indlu kabawo.
52 Owesibini wamthiya igama elinguEfrayim;* ngokuba wathi, UThixo undiqhamisile ezweni leentsizi zam.
53 Yaphela ke iminyaka yosixhenxe yendyebo ebisezweni laseYiputa.