18 UYosefu wathi kubo ngomhla wesithathu, Yenzani oku, niphile; kuba ndiyamoyika uThixo.
19 Ukuba ninyanisile, omnye umzalwana kuni apha makakhonkxwe endlwini yokugcinwa kwenu, nihambe nina, niyise ingqolowa ngenxa yendlala yezindlu zenu.
20 Umninawa wenu omncinane nimzise kum; okholeka ke amazwi enu, ningafi.
21 Benjenjalo ke. Bathetha omnye komnye besithi, Inyaniso, sinetyala ngenxa yomninawa wethu, sabe sikubona nje ukubandezeleka komphefumlo wakhe, oko abetarhuzisa kuthi, asamphulaphula; kungenxa yoko le nto kusifikeleyo oku kubandezeleka.
22 Wabaphendula uRubhen esithi, Ndabe ndingàtsho na kuni ukuthi, Musani ukumona umfana? Anaphulaphula; yabonani ke, igazi lakhe liyabizwa.
23 Babengazi bona ukuba uYosefu uyeva, kuba kwakumi umkhumshi phakathi kwabo.
24 Wathi guququ, walila; wabuya weza kubo, wathetha nabo, wamthabatha uSimon kubo, wamkhonkxa bekhangele.