20 Umninawa wenu omncinane nimzise kum; okholeka ke amazwi enu, ningafi.
21 Benjenjalo ke. Bathetha omnye komnye besithi, Inyaniso, sinetyala ngenxa yomninawa wethu, sabe sikubona nje ukubandezeleka komphefumlo wakhe, oko abetarhuzisa kuthi, asamphulaphula; kungenxa yoko le nto kusifikeleyo oku kubandezeleka.
22 Wabaphendula uRubhen esithi, Ndabe ndingàtsho na kuni ukuthi, Musani ukumona umfana? Anaphulaphula; yabonani ke, igazi lakhe liyabizwa.
23 Babengazi bona ukuba uYosefu uyeva, kuba kwakumi umkhumshi phakathi kwabo.
24 Wathi guququ, walila; wabuya weza kubo, wathetha nabo, wamthabatha uSimon kubo, wamkhonkxa bekhangele.
25 Wawisa umthetho uYosefu wokuba zizaliswe iingxowa zabo ngengqolowa, imali yabo ibuyiselwe kulowo nalowo engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela; kwenjiwa njalo ke kubo.
26 Bawabopha ingqolowa amaesile abo, bemka ke apho.