26 Bawabopha ingqolowa amaesile abo, bemka ke apho.
27 Uthe ke omnye akuyivula ingxowa yakhe, ukuba aphe iesile lakhe iindiza apho balalisa khona, wayibona imali yakhe, isemlonyeni wengxowa yakhe.
28 Wathi kubazalwana bakhe, Ibuyisiwe imali yam; nantsi ikho nokubakho engxoweni yam. Baphela amandla, bakhangelana begubha, bathi, Yintoni na le ayenzileyo uThixo kuthi?
29 Bafika kuYakobi uyise ezweni lakwaKanan, bamxelela yonke into ebahleleyo, besithi,
30 Indoda, inkosi yelo zwe, yathetha nathi kalukhuni, yathi siziintlola zelo zwe.
31 Sathi kuyo, Sinyanisile;
32 asizizo iintlola, singabazalwana abalishumi elinababini, oonyana bakabawo; omnye akakho, omncinane ukubawo namhla, ezweni lakwaKanan.