5 Oonyana bakaSirayeli beza kuthenga ingqolowa phakathi kwabo bezayo; kuba indlala ibikho ezweni lakwaKanan.
6 UYosefu wayengumlawuli welizwe elo; yena wayethengisa ngengqolowa kubo bonke abantu belizwe elo; bafika ke abakhuluwa bakaYosefu, baqubuda kuye ngobuso emhlabeni.
7 UYosefu wababona abakhuluwa bakhe, wabazi, wazenza ongabaziyo, wathetha nabo kalukhuni, wathi kubo, Nivela phi na? Bathi, Sivela ezweni lakwaKanan, size kuthenga ukudla.
8 UYosefu wabazi abakhuluwa bakhe; ke bona abamnakananga.
9 Wawakhumbula uYosefu amaphupha abewaphuphile ngabo, wathi kubo, Niziintlola nina; nizé kubona ubuzé belizwe eli.
10 Bathi kuye, Hayi, nkosi; abakhonzi bakho baze kuthenga ukudla.
11 Sonke siphela singoonyana bamfo mnye; siyalungisa, abakhonzi bakho àbazizo iintlola.