11 USirayeli uyise wathi kubo, Ukuba kunjalo okunene, yenzani ke oku: thabathani kwezinconywayo izinto zelizwe eli, nizifake ezingxoweni zenu, nihle niyisele indoda leyo umnikelo: intwana yamafutha aqholiweyo, nentwana yencindi yobusi, nentlaka emhlophe, nentlaka emnandi, neenkozo zepistasi,* neeamangile.*