21 Kwathi, sakufika endaweni yokulalisa, sazivula iingxowa zethu, kwavela imali yalowo nalowo emlonyeni wengxowa yakhe, imali yethu ngomlinganiso wayo.
22 Sibuyé nayo ke siyiphethe. Nenye imali sihle seza nayo esandleni sethu, ukuba sithenge ukudla; asimazi oyifakileyo imali ezingxoweni zethu.
23 Yathi, Xolani, musani ukoyika; uThixo wenu, uThixo kayihlo, uninikile ubutyebi ezingxoweni zenu; imali yenu ndayamkela.
24 Yabakhuphela uSimon. Indoda leyo yawangenisa amadoda endlwini kaYosefu, yawanika amanzi, ahlamba iinyawo zawo; yawapha iindiza amaesile awo.
25 Umnikelo lowo awulungisela ukufika kukaYosefu emini enkulu; kuba ebeve kusithiwa aya kudla isonka khona.
26 Wangena uYosefu endlwini; amzisela endlwini umnikelo obusesandleni sawo, aqubuda kuye emhlabeni.
27 Wawabuza ukuphila kwawo, wathi, Uyihlo usaphilile na, ixhego enanithethe ngalo? Usadla ubomi na?